Ezekiel 35:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
uti kuyo: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndingakuwe, ntaba yakwa‐Sehire! ndandiya kwolula isandla sam ngakuwe, ndikwenze ube yingcitakalo nentshabalalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
uthi kuyo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndikuchasile, ntaba yakwaSehire. Ndosolulela isandla sam phezu kwakho, ndikwenze kube senkangala yakwankangala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthi kuyo, Utsho uYehova; Yabona, ntaba yakwaSehire, ndiya kulwa nawe, ndisolulele kuwe isandla sam, ndikwenze kube senkangala;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
uthi: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiyalwa nawe, ntaba yaseSeyire, ndaye ndiza kukufika ngesandla, ndikutsho ube yinkangala yentlango.