Ezekiel 35:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngenxa yokuba ubunobutshaba bakudala, nokuba walweyelisela usapo luka‐Sirayeli ngamandla eṙele, ngexesha lelishwa lalo, ngexesha lenkohlakalo yesipelo:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngenxa enokuba waba nobutshaba obungunaphakade, wabanikela esandleni sekrele oonyana bakaSirayeli ngexesha lokusindeka kwabo, ngexesha lobugwenxa bokuphela:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenxa yokuba waba nentiyo engunaphakade waza waliphalaza igazi loonyana bakaSirayeli ngogonyamelo lwekrele ngexesha lentlekele yabo, ngexesha lokuphela kobubi babo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngenxa yokuba ubambe ubutshaba obudala, amaSirayeli wawayekela atyakatywa ngekrele ngexesha lawo lentlekele, apho isohlwayo sawo sasifikelele encotsheni,