Ezekiel 36:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo ndiya kwandisa pezu kwenu abantu, yonke indlu ka‐Sirayeli, yona yonke; ziya kuti izixeko zimiwe, nendawo ezicitakeleyo zakiwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiya kwandisela abantu phezu kwenu, yonke indlu kaSirayeli, yonke iphela, imiwe imizi, akhiwe amanxuwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kwandisa abantu phezu kwenu, indlu kaSirayeli iphela, bonke, nezixeko ziya kuba nabemi neendawo eziphanzileyo ziya kwakhiwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiya kunandisela abemi, nditsho nkqu yonke indlu kaSirayeli. Ziya kuba nabantu izixeko, avuswe amabhodlo.