Ezekiel 36:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bati bakufika kubaheyideni, apo baya kona, bandula balidyoba igama lam elingcwele, ekubeni bekusitwa kubo: Ngabantu bakayehova aba, nakulo ilizwe lake bapumile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bafika ezintlangeni ezo babesiya kuzo, balihlambela igama lam elingcwele; ekubeni bekusithiwa ngabo, Ngabantu bakaYehova aba, baphume ezweni lakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bafika ezintlangeni ababeye kuzo, balihlambela igama lam elingcwele ngokuthi kubo: “Aba ngabantu bakaYehova, yaye balishiya ilizwe lakhe.”
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Naphi na apho ahamba khona ezizweni alinyelisa igama lam elingcwele, kuba kwakusithiwa: ‘Aba ngabantu bakaNdikhoyo, kodwa kwanyanzeleka balishiye ilizwe lakhe.’