Ezekiel 36:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngako oko profitesha uti: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ngokuba, ewe ngokokuba benicitakalisile, nokuba beniginyile ngamacala onke, ukuze nibe yimfuyo kwisisalela sabaheyideni, nokuze nitatyatelwe emlonyeni womshwabuli, niyintlebo yabantu nje;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ngako oko profeta uthi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba, ewe, ngenxa enokuba benenze kwaba senkangala, baniginya ngeenxa zonke, ukuze nibe lilifa lamasalela eentlanga, naba semilonyeni yabanolwimi nasentlebendwaneni yabantu:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uprofete uthi, Utsho uYehova; Ngenxa enokuba bakwenze intlango, bakudla ngeenxa zonke, ukuze ube bubutyebi bamasalela eentlanga, ususwe emlonyeni wabo bathethayo, ube lihlazo zabantu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ngoko shumayela uthi: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Kuba benidlakaze banizingela ndaweni zonke, naza ke ngoko naba phantsi kwamasalela eentlanga, nayinto yokungcikivwa nondaba-mlonyeni,