Ezekiel 36:33 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Emhleni endinihlambululayo kuzo zonke inkohlakalo zenu, sendiya ku ni hlalisa ezixekweni, nendawo ezicitakeleyo ziya kwakiwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngemini endiya kunihlambulula ngayo ebugwenxeni benu bonke, ndiya kuyenza imizi ukuba imiwe, akhiwe amanxuwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova, Ngaloo mini, ndinihlambulule ezonweni zenu zonke, ndinihlalise emizini, akhiwe amanxuwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Mhla ndanihlambulula ezonweni zenu ndiya kubabuyisela abantu ezixekweni, avuswe amabhodlo.