Ezekiel 36:38 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Njengomhlambi oyingcwele, njengomhlambi wase‐Yerusaleme emitendelekweni yayo engcwele, kwa njalo izixeko ezibunxuwa zoba zizele yimihlambi yabantu; baye beya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
njengomhlambi ongamadini angcwele, njengomhlambi waseYerusalem ngamaxesha ayo amisiweyo; ukuzala yimihlambi yabantu, iya kuba njalo imizi engamanxuwa; bazi ukuba ndinguYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
njengomhlambi ongcwele, njengomhlambi waseYerusalem ngamaxesha ayo; izixeko eziphanzileyo ziya kuzaliswa yimihlambi yabantu, ukuze bazi ukuba ndinguYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
babe baninzi okwemihlambi yedini eJerusalem ngomhla wesidlo esimiselweyo. Izixeko ebezidilikile ziya kuzala yintlaninge yabantu, ngathi yimihlambi yeegusha. Baya kuqonda ukuba ndinguNdikhoyo.”