Ezekiel 36:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa nina, zintaba zakwa‐Sirayeli! niya kunika amasebe enu, nesiqa̔mo senu niya kusihlanzela abantu bam o‐Sirayeli; ngokuba sebekufupi ukuza.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke nina, zintaba zakwaSirayeli, niya kuvelisa amasebe, iziqhamo zenu nizixakathele abantu bam amaSirayeli; ngokuba sekukufuphi ukuvela kwazo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke nina, zintaba zakwaSirayeli, niya kuvelisa amasebe, nibanike abantu bam amaSirayeli iziqhamo zabo; ngokuba seleza kuza.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kodwa nina, zintaba zakwaSirayeli, niza kuvelisa amasebe neziqhamo zibe zezabantu bam amaSirayeli, kuba sebeza kugoduka.