Ezekiel 37:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
SAYE sipezu kwam isandla sikayehova; wandipumisa ngo moya kayehova, wandibeka pantsi pakati kwetafa; lona ke lalizele ngamatambo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Saba phezu kwam isandla sikaYehova; waphuma nam uYehova, ndikuMoya, wandibeka entilini phakathi; yona ke izele ngamathambo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Saba phezu kwam isandla sikaYehova, wandikhupha ngoMoya kaYehova, wandibeka emfuleni ozele ngamathambo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Amandla *kaNdikhoyo andongamela, waza wandifunqula ngoMoya wakhe, wandibeka esizikithini sentlambo eyayizele ngamathambo.