Ezekiel 37:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndaza ndaprofitesha njengokuba ebendiyalele; wandula umoya wangena kubo, bada bapila, bema pezu kwenyawo zabo, impi enkulu kakulu kunene.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndaprofeta ke ngoko bendiwiselwe umthetho ngako. Wangena umoya kuwo; baphila, bema ngeenyawo, umkhosi omkhulu kakhulu kunene.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndaprofeta ke ngoko bendiwisele umthetho ngako; wangena umoya kuwo; aphila, ema ngeenyawo zawo engumkhosi omkhulu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndashumayela ke njengoko endiyalela, waza umoya wangena kuwo, aba ngabaphilayo, avuka ema ngeenyawo – inyambalala yomkhosi.