Ezekiel 37:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo wena, nyana woluntu! zitabatele intonga ibe nye, uba̔le pezu kwayo ukuti: Yeka‐Juda, neyosapo luka‐Sirayeli amakolwane ake; uze utabate enye intonga, uba̔le pezu kwayo ukuti: Yeka‐Josefe, — intonga ka‐Frayime, nayo yonke indlu ka‐Sirayeli amakolwane ake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wena ke, nyana womntu, thabathela kuwe intonga ibe nye, ubhale kuyo uthi, EkaYuda, neyoonyana bakaSirayeli, amadlelane akhe; uthabathe enye intonga ubhale kuyo uthi, EkaYosefu (intonga kaEfrayim), nendlu yonke kaSirayeli, amadlelane akhe;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
“Wena ke, nyana womntu, thabatha intonga ibe nye, ubhale kuyo ukuthi, EkaYuda neyoonyana bakaSirayeli, abahlobo bakhe; uthabathe enye intonga, ubhale kuyo, uthi, EkaYosefu, umthi wakwaEfrayim, nendlu yonke kaSirayeli, amadlelane akhe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Mntundini, thatha intonga, ubhale la mazwi kuyo: ‘EkaJuda namaSirayeli avana naye.’ Uze uthathe enye intonga, ubhale la mazwi kuyo: ‘Intonga kaEfrayim eyekaJosefu nayo yonke indlu kaSirayeli evana naye.’