Ezekiel 37:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uze utete kulo, uti: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndiya kutabata usapo luka‐Sirayeli kwa pakati kwabaheyideni, apo luye kona, ndilubute emacaleni onke, ndiluzise kowalo umhlaba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uze uthi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndiya kubathabatha oonyana bakaSirayeli phakathi kweentlanga abahamba kuzo, ndibabuthe, bavele ngeenxa zonke, ndibase emhlabeni wabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi; Yabonani, ndiya kubathabatha oonyana bakaSirayeli phakathi kweentlanga abahamba kuzo, ndibabuthe ezimbombeni zonke, ndibase emhlabeni wabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
uze uthi kubo: ‘Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndiya kuwaphuthuma amaSirayeli kwizizwe abalekele kuzo. Ndiya kuwaqokelela kuzo zonke iindawo, ndiwabuyisele ezweni lawo.