Ezekiel 37:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndandiya kulwenza lube sisizwe sinye elizweni pezu kwentaba zakwa‐Sirayeli; ukumkani emnye woba ngukumkani kulo lona lwonke; alusayi kuba sezizizwe zibini, kanjako aluyi kubuya lwahlulwe lube bubukumkani bubini napakade.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndobenza luhlanga lunye elizweni elo, ezintabeni zakwaSirayeli, abe mnye ukumkani, engukumkani wabo bonke bephela; bangabuyi babe ziintlanga ezimbini, bangabuyi bahluke babe zizikumkani ezibini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndibenze luhlanga lunye emhlabeni, ezintabeni zakwaSirayeli; ukumkani omnye uya kuba ngukumkani wabo bonke bephela, bangabi saba ziintlanga ezimbini, bangabi sahlukana babe zizikumkani ezibini;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abantu bakwaSirayeli ndiya kubenza isizwe esinye elizweni, phezu kweentaba zikaSirayeli. Baya kulawulwa ngukumkani omnye, bengasokuze babuye babe zizizwe ezibini, okanye bahlulwa-hlulwe babe ziikumkani ezimbini.