Ezekiel 37:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lwaye lungayi kubuya luzinco̔lise ngezitixwana zalo, nangezinto zalo ezizondekileyo, nangazo zonke izigqito zalo; koko ndiya kulusindisa kuzo zonke indawo zokuhlala zalo, ezo lwonileyo kuzo, ndiluhlambulule: kwa njalo lona lwoba ngabantu kum, nam ndoba ngutixo kulo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abayi kubuya bazenze iinqambi ngezigodo zabo, nangezinto zabo ezinezothe, nangezikreqo zabo zonke; ke ndobasindisa emakhayeni abo onke, ababesona kuwo, ndibahlambulule, babe ngabantu bam, ndibe nguThixo wabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abayi kubuya bazenze iinqambi ngemifanekiso yabo eqingqiweyo, nangezinto zabo ezinezothe, nangezikreqo zabo zonke; ndibahlangule kuzo zonke izakhiwo zabo, abone kuzo, ndibahlambulule; baya kuba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abayi kuphinda bazingcolise *ngezithixo zabo ezingamasikizi okanye nangezinye izikreqo zabo, kuba ndiya kubahlangula bangabi sabuyela esonweni, ndibahlambulule. Baya kuba ngabantu bam, nam ndibe nguThixo wabo.