Ezekiel 37:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lwaluya kuhlala elizweni endalinikayo kwisicaka sam ku‐Yakobi, elo babehleli kulo oyihlo benu; ewe luya kuhlala kulo, lona nabantwana balo, nabantwana babantwana balo kude kube ngunapakade; no‐Davide, isicaka sam, yena woba yinkosi yalo kude kube ngunapakade.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bohlala ezweni elo, ndalinika umkhonzi wam uYakobi, ababehleli kulo ooyise; bahlale ke khona, bona nabantwana babantwana babo kude kuse ephakadeni; uDavide, umkhonzi wam, abe sisikhulu sabo ngonaphakade.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bohlala ezweni elo, ndalinika umkhonzi wam uYakobi, ababemi kulo ooyihlo; Baya kuhlala khona, bona, nabantwana babo, nabantwana babantwana babo, kude kuse ephakadeni; noDavide umkhonzi wam uya kuba ngumlawuli wabo ukusa kwixesha elingenammiselo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Baya kuhlala elizweni endalabela isicaka sam uYakobi, ilizwe ababemi kulo ooyihlo. Baya kuhlala apho bona, nabantwana babo, nabantwana babantwana babo naphakade. UDavide isicaka sam uya kuba yinkosi yabo naphakade.