Ezekiel 37:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako ndolwenza nalo ucebano lwoxolo; lucebano olungunapakade oluya kubako nalo; ndandiya kulumisa, ndilwandise, ndiyibeke indawo yam eyingcwele pakati kwalo kude kube ngunapakade.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndobenzela umnqophiso woxolo; uya kuba ngumnqophiso ongunaphakade kubo; ndibamise, ndibandise, ndibeke ingcwele yam phakathi kwabo ngonaphakade.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kwenza umnqophiso woxolo nabo; uya kuba ngumnqophiso ongunaphakade kubo; Ndiya kubabeka, ndibandise, ndibeke ingcwele yam kubo ngonaphakade.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiya kwenza umnqophiso woxolo nabo; uya kuba ngumnqophiso wanaphakade. Ndiya kubazinzisa, ndibenze bande, ize isibingelelo sam sihlale phakathi kwabo naphakade.