Ezekiel 37:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndakangela ke, kekaloku nantsi imisipa nenyama inyukile pezu kwawo, yati intlonze yawagubungela ngapezulu; kodwa umoya ubungeko kuwo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndakhangela, nanko kukho imisipha kuwo, yamila inyama, kwaleka ulusu luthabathela phezulu; umoya ke awabakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndawabona, ndabona izihlunu nenyama kubonakala kuwo, lususu lwawagubungela ngaphezulu, kodwa kungekho mphefumlo kuwo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndajonga kwaza kwavela imisipha nenyama kuwo, ambathiswa ngolusu, kodwa ayengekabi namoya.