Ezekiel 38:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Kwakuya kuti ngomhla lowo, ziya kunyuka izinto entliziyweni yako, wauya kuqinga iqinga elikohlakeleyo,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngaloo mini, kuya kuthi qatha izinto entliziyweni yakho, ucinge ingcinga embi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Itsho iNkosi uYehova ukuthi; Kwakhona kuya kwenzeka ukuba ngexesha elifanayo izinto ziya kuza engqondweni yakho, kwaye uya kucinga ingcinga embi;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ngaloo mini uya kuceba iqhinga elingendawo.