Ezekiel 38:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
uti: Ndonyuka ndiye ezweni lemizi, ndoza kubo abasekwonwabeni, abahlala ngokunqaba; abati bonke bahlale bengenandonga, kungeko imivalo nengcango kubo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uya kuthi, Ndiya kunyuka ndiye ezweni lamaphandle; ndiya kubafikela abazolileyo, abahleli bekholosile bonke bephela, abahleli bengenazindonga, bengenamivalo nazingcango;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uya kuthi, Ndiya kunyuka ndiye ezweni lamaphandle; Ndiya kubafikela abaphumli, abahleli ngoxolo, bonke abahleli bengenazindonga, bengenazithintelo naminyango;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uya kuthi: ‘Ndiza kuhlasela ilizwe elidolophu zingenandonga zikhuselayo; ndiza kuhlasela abantu boxolo bengalindele ngozi – bonke behlala apho kungekho zindonga zikhuselayo nazingcango namivalo.