Ezekiel 38:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ukutimba itimbo, nokupanga impango; ukusonga isandla sako pezu kwamanxuwa amiweyo kanjako, nangakubo abantu abahlanganisiweyo kubaheyideni, abaqwebileyo inkomo nempahla, abahlala enkalweni yelizwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuba uthimbe, uhlasele amaxhoba, usibuyisele isandla sakho kumanxuwa amiweyo, nakubantu abahlanganisiweyo ezintlangeni, bezuze imfuyo nempahla, abahleli esazulwini somhlaba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ukuphangwa nokuphangwa kwempahla ephangiweyo; ukuze ubuyisele isandla sakho kwiindawo eziphanzileyo ezimiweyo ngoku, nakwizizwana ezihlanganiselwe kwizizwana ezinemfuyo nempahla, ezihlala esazulwini selizwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiya kuthimba ndityhuthule, ndithathe amaxhoba, ndonakalise kwezo zixeko bezifudula zingamanxuwa nabantu bazo abaqokelelwe ezizweni, abazizityebi ngemfuyo nangempahla, abahlala esizikithini selizwe.’