Ezekiel 38:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
I‐Sheba, ne‐Dedane, nabatengisi base‐Tareshishe, nazo zonke ingonyamana zayo, baya kuti kuwe: Uze wena ukutimba itimbo na? uhlanganisile umhlambi wako ukupanga impango na? ukususa isilivere negolide na? ukutabata inkomo nempahla na? ukutimba itimbo elikulu na?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
OoShebha noDedan, nabarhwebi baseTarshishe, neengonyama ezintsha zabo zonke, baya kuthi kuwe, Uze kuthimba na, ukuba lihlasele amaxhoba na ibandla lakho olibizele ndawonye? ukuba limke negolide nesilivere, lithabathe imfuyo nempahla, lithimbe kakhulu na?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
OoShebha noDedan nabarhwebi baseTarshishe nabarhwebi bonke bakhona baya kuthi kuwe, Uze koyisa na? Ulihlanganisile na ihlokondiba lakho ukuba liphange amaxhoba? Kuhluthwe isilivere negolide, kuhluthwe iinkomo, neempahla, nokuhlutha impahla eninzi?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
IShebha neDan nabarhwebi baseTashishe neelali zayo zonke baya kuthi kuwe: ‘Uze kuthimba na? Eli bandla uliqokelelele ukuza kutyhuthula na? Liza kumka nesiliva negolide nemfuyo nempahla jikelele ngokuyithimba?’