Ezekiel 38:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko profitesha, nyana woluntu! uti kuye u‐Goge: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ngalomhla okuya abantu bam o‐Sirayeli bahlala ngokunqaba, akuyi kwazi na?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko profeta, nyana womntu, uthi kuGogi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Akuyi kuba njalo na ngaloo mini, ekuhlaleni kwabantu bam amaSirayeli bekholosile, uya kuyazi loo nto?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko profeta, nyana womntu, uthi kuGogi, uYehova uthethile; Akuyi kuba njalo na ngelo xesha, ekuhlaleni kwabantu bam amaSirayeli ngoxolo?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngoko ke, mntundini, shumayela uthi kuGogi: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ngaloo mhla xa abantu bam amaSirayeli behleli bengalindele ngozi akuyi kuyiqaphela na loo nto?