Ezekiel 38:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uya kuza ke uvela endaweni yako, emacaleni asenode, wena nabantu abaninzi kunye nawe, bekwele emahasheni bonke, umhlambi omkulu, impi eyinto eninzi:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uya kuphuma endaweni yakho, ezingontsini zasentla, wena nezizwe ezininzi ezinawe, bekhwele emahasheni bonke bephela, ibandla elikhulu, impi eninzi;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uya kuphuma endaweni yakho ezingontsini zasentla, wena neentlanga ezininzi ezinawe, zonke zikhwele emahasheni, isihlwele esikhulu, nomkhosi omkhulu onamandla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uya kuphuma endaweni yakho kwelikude emantla, uhambe nentlaninge yezizwe, zonke zikhwele amahashe, ibandla elikhulu, umkhosi onamandla.