Ezekiel 38:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wauya kunyuka ngakubo abantu bam o‐Sirayeli, njengelifu, ukugubungela ilizwe; ekupeleni kwemihla kuya kubako; ndandiya kukuzisa ngakulo ilizwe lam, ukuze abaheyideni bandazi mna, ndakungcwaliswa kuwe, Goge! pambi kwamehlo abo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
unyuke ubafikele bantu bam amaSirayeli njengelifu, ukuba ulisibekele ilizwe. Ekupheleni kwemihla kuya kubakho oko, ndikuse, ulifikele ilizwe lam, ukuze iintlanga zindazi, ekuzingcwaliseni kwam kuwe emehlweni azo, Gogi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uya kubafikela abantu bam amaSirayeli njengelifu eligubungele ilizwe; kuya kuthi ekupheleni kwemihla, ndikuzisele ezweni lam, zindazi iintlanga, ekuzingcwaliseni kwam kuwe, Gogi, emehlweni azo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uya kuhlasela abantu bam amaSirayeli okwelifu ligqume umhlaba. Kwimihla ezayo, Gogi, ndiya kukwenza uhlasele ilizwe lam, ukuze zazi izizwe ukuba ndingcwele xa ndizibonakalisa kuwe zijongile.