Ezekiel 38:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
zaziya kungcangcazela pambi kwam intlanzi zolwandle, nentaka zezulu, nezilo zasendle, nazo zonke izinambuzane ezinambuzelayo emhlabeni, nabo bonke abantu abapezu kwobuso bomhlaba; kanjalo intaba ziya kucitwa, namawa aya kuwa, nazo zonke indonga zowa ngasemhlabeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ziya kunyikima phambi kwam iintlanzi zolwandle, neentaka zezulu, namarhamncwa asendle, nezinambuzane zonke ezinambuzelayo emhlabeni, nabantu bonke abasebusweni bomhlaba, zigungxulwe iintaba, iwe imixawuka, zonke iindonga ziwe emhlabeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ngenxa yam ziya kudidizela phambi kwam iintlanzi zolwandle, neentaka zezulu, nezilo zelizwe, nezinambuzane zonke ezinambuzelayo emhlabeni, nezizwe zonke zehlabathi; neentaba ziya kushukuma liya kuwa, namatye aya kuwa, kwaye zonke iindonga ziya kuwa emhlabeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Iintlanzi elwandle, iintaka esibhakabhakeni, izilo endle, nazo zonke izilwanyana ezirhubuluzayo emhlabeni, nabo bonke abantu ehlabathini baya kungcangcazela ngenxa yobukho bam. Ziya kubhukuqwa iintaba; aya kudilika amawa, nazo zonke iindonga ziwe phantsi.