Ezekiel 38:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Emveni kwemihla emininzi uya kumiselwa; ekupeleni kweminyaka uya kuza kwilizwe elibuyisiweyo eṙeleni, elibutiweyo ezizweni ezininzi, pezu kwentaba zakwa‐Sirayeli, ezibe zibugxwayiba futi; elite lona lapunyiswa ezizweni, baza abantu bahlala ngokunqaba bonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Emva kwemihla emininzi uya kuvelelwa; ekupheleni kweminyaka leyo uya kufika elizweni elibuyisiweyo ekreleni, libuthiwe ezizweni ezininzi; ufike ezintabeni zakwaSirayeli ezahlala zibharhile. Lona likhutshwe ezizweni, baza bahlala bekholosile bonke bephela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emva kwemihla emininzi uya kuvelelwa; Ekupheleni kweminyaka, uya kungena ezweni elabuyela kulo ikrele, lihlanganiselwe ezintlangeni ezininzi, uye kwiintaba zakwaSirayeli ezahlala zisenkangala; Ithatyathwe kuzo zonke iintlanga, yaye bonke baya kuhlala bekhuselekile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva kweentsuku ezininzi uya kufunzwa umkhosi wakho. Kwiminyaka ezayo uya kuhlasela ilizwe elinoxolo, elibantu balo bahlanganiswe kwintlaninge yezizwe baza kutsho kwiintaba zakwaSirayeli ebekusoloko kusenkangala kuzo. Bakhutshwe ezizweni, ke ngoku bahleli bengalindele ngozi.