Ezekiel 39:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
baze bangatezi inkuni ezindleni, bangazigauli emahlatini kanjalo, ngokuba beya kupemba umlilo ngezixo̔bo; babeya kutimba abo babetimba bona, bapange abo babepanga bona, itsho inkosi e nguyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abayi kutheza ziinkuni endle, bangagawuli nasemahlathini;ngokuba baya kuwuphemba ngezikrweqe umlilo; bathimbe kwabo babethinjwe ngabo, baphange ababephangwe ngabo; itsho iNkosi uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuze bangathathi iinkuni ezweni, bagawule nanye ematyholweni; ngokuba baya kuzitshisa izikrweqe ngomlilo; yaye ngokuqinisekileyo baya kubatshabalalisa abo babewatshabalalisa nabo babewatshabalalisa,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akusayi kubakho mfuneko yakutheza endle nokugawula iinkuni emahlathini, kuba baya kubasa izixhobo. Baya kuthimba kwa-abo bebefudula bethinjwa ngabo, batyhuthule abo bebefudula betyhuthulwa ngabo, itsho iNgangalala uNdikhoyo.