Ezekiel 39:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwakuya kuti ngomhla lowo, ndiya kunika u‐Goge indawo kona yamancw̔aba kwa‐Sirayeli, isihlambo sabadluli ngasempumalanga yolwandle, esiya kubambezela abadluli; babeya kuncw̔aba kona u‐Goge naso sonke isihlwele sake, basibize ngokuti sisihlambo se‐Hamone‐goge.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuya kuthi ngaloo mini, ndimnike uGogi indawo, apho liya kuba khona ingcwaba lakhe kwaSirayeli, umfula wabadluli ngasempumalanga elwandle; ubavalele abadluli; bamngcwabele khona uGogi nengxokolo yakhe yonke, bathi ngumfula wengxokolo kaGogi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuya kuthi ngaloo mini ndimnike uGogi indawo yokungcwaba kwaSirayeli, intlambo yabarhwebi ngakwimpuma yolwandle; kwaye iya kuzivala iimpumlo zabakhweli; ngcwaba uGogi nabantu bakhe bonke, bakubize ngokuba yintlambo yeHamongogi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngaloo mhla uGogi uya kungcwatyelwa kwaSirayeli, kwintlambo ekuhanjwa kuyo ngabahambi abaya ngasempumalanga ngakuLwandle oluFileyo. Elo ngcwaba liya kuxaba endleleni yabahambi, kuba aya kuba elapho amangcwaba kaGogi nesihlwele sakhe siphela. Iya kubizwa ngokuba yintlambo yesihlwele sikaGogi.