Ezekiel 39:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndandiya kumisa ubungcwalisa bam pakati kwabaheyideni; baye bonke abaheyideni beya kubona umgwebo wam endiwenzileyo, nesandla sam endisibekileyo pezu kwabo:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiya kubumisa ubuqaqawuli bam ezintlangeni, ziwubone iintlanga zonke umgwebo wam endiya kuwenza, nesandla sam endiya kusisa kuzo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiza kunika uzuko lwam phakathi kweentlanga, yaye zonke iintlanga ziya kuwubona umgwebo wam endiya kuwenza nesandla sam endiya kusisa phezu kwazo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Udumo lwam ndiya kulubonisa ezizweni, ukuze zonke izizwe zisazi isohlwayo nobugadalala besandla sam.