Ezekiel 39:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
bati nabaheyideni bazi ukuba indlu ka‐Sirayeli yabifuduswa ngenxa yenkohlakalo yabo, ngenxa yokuba bebegqitile ngakum, ndaza ndabafihlela ubuso bam, ndabanikela esandleni sentshaba zabo, bada bawa ngerele bona bonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Neentlanga ziya kwazi ukuba indlu kaSirayeli yathinjwa ngenxa yobugwenxa babo; ngenxa enokuba bamenezayo kum, ndabusithelisa ubuso bam kubo, ndabanikela esandleni sababandezeli babo, bawa likrele bonke bephela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaye iintlanga ziya kwazi ukuba abo bendlu kaSirayeli bathinjwa ngenxa yokunxaxha kwabo, ngenxa yokuba baye bandikhonza ngokungathembeki; bawa ke bonke likrele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Izizwe ziya kwazi ukuba abantu bakwaSirayeli bathinjwa ngenxa yesono sabo, kuba babenganyanisekanga kum. Ke mna ndazifihla kubo, ndaza ndabanikezela ezintshabeni zabo, bonke babulawa ngekrele.