Ezekiel 39:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Noko ke, itsho inkosi e nguyehova ukuti: Kaloku ndiya kubuyisa ukutinjwa kuka‐Yakobi, ndiyipate ngetaṙu yonke indlu ka‐Sirayeli, ndibe nobukwele pezu kwegama lam elingcwele;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Kaloku ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kukaYakobi, ndisikwe yimfesane ngenxa yendlu yonke kaSirayeli, ndibe nobukhwele ngegama lam elingcwele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko, utsho uYehova ukuthi, Kaloku ndiyasibuyisela isabelo sikaYakobi, ndisikwe yimfesane ngenxa yendlu yonke kaSirayeli, ndibe nobukhwele ngegama lam elingcwele;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngako oko itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndiya kuyijika imeko kaYakobi, ndibe novelwano kubo bonke abantu bakwaSirayeli; ndiya kuba nekhwele ngenxa yegama lam elingcwele.