Ezekiel 39:28 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
baya kwandula bakwazi okokuba mna ndi nguyehova, utixo wabo, ekubeni bendibafudusela kubaheyideni, koko ndibuye ndabahlanganisela emhlabeni wabo, ndingasasalisanga mntu kubo kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baya kwazi ukuba ndinguYehova uThixo wabo, owenza ukuba bathinjelwe ezintlangeni, ndize ndibawomelisele emhlabeni wabo, ndingabuyi ndishiye namnye kubo khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
bazi ukuba ndinguYehova uThixo wabo, owabafudusayo phakathi kweentlanga;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Baya kwazi ngoko ukuba ndinguNdikhoyo uThixo wabo, kuba, nakuba ndabathumela ezizweni baba ngabathinjwa, ndiya kubaqokelela, ndibabuyisele ezweni labo, ndingashiyi namnye.