Ezekiel 39:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Pezu kwentaba zakwa‐Sirayeli uya kuwa, wena, nawo onke amabandla ako, nabantu abanawe; ndokunika kwintakakazi zamapiko onke, nakumaṙamncwa asendle, ube kukudla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uya kuwa ezintabeni zakwaSirayeli, wena namahlelo akho onke, nezizwe ezinawe. Ndiya kukunikela ezintakeni ezixwilayo zeentlobo ngeentlobo, nasemarhamncweni asendle, ukuba ube kukudla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uya kuwa ezintabeni zakwaSirayeli, wena namaqela akho onke, neentlanga ezinawe; ndikunikele kwiintaka zeentlobo ngeentlobo, nakukudla kwamarhamncwa asendle.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wena nawo wonke umkhosi wakho nesizwe sakho siphela niya kufela ezintabeni zakwaSirayeli. Ndiya kunenza nibe kukutya kweentaka namarhamncwa.