Ezekiel 4:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndaza ndati: Au, Nkosi Yehova! bona ke, umpefumlo wam awuzanga unco̔liswe: ngokuba ndingatyanga into esisidumbu, nento eqwengiweyo, kwa sebutsheni bam kwada kwakaloku; kanjalo akungenanga emlonyeni wam inyama edlubukileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndathi, Awu! Nkosi Yehova! Yabona, umphefumlo wam awuzanga wenziwe inqambi; into ezifeleyo neqwengiweyo andizanga ndiyidle, kwasebuncinaneni bam unanamhla; akufikanga nyama iyimbozisa emlonyeni wam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndaza ndathi: “Owu Nkosi Yehova! Yabona, umphefumlo wam awenziwanga nqambi; Akukho nyama inezothe yakha yangena emlonyeni wam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndathi ke mna: “Makungabi njalo, Ngangalala Ndikhoyo! Mna andizange ndilenze isikizi elinje. Ebutsheni bam kude kube ngoku andizange ndiyitye inyama yento efileyo okanye eqwengwe ngamarhamncwa. Andizange ndayifaka kowam umlomo inyama engàtyiwayo.”