Ezekiel 4:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ndikumisele iminyaka yetyala labo, ngenani lemihla, imihla engamakulu matatu anamashumi alitoba; wauya kutwala ityala lendlu ka‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba iminyaka yobugwenxa babo ndiyenza ukuba kuwe ibe ngangenani leentsuku, iintsuku ezimakhulu mathathu anamanci asithoba; uya kubuthwala ubugwenxa bendlu kaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba iminyaka yobubi babo ndiyenza ukuba ibe ngangenani leentsuku, iintsuku ezimakhulu mathathu anamanci asithoba; ngaloo ndlela uya kubuthwala ubugwenxa bendlu kaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndikusikele iintsuku ezinani lilingana nenani leminyaka yokreqo lwendlu kaSirayeli. Ngoko ke uya kusithwala isono sayo iintsuku ezingamakhulu amathathu namashumi alithoba.