Ezekiel 40:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
NGOMNYAKA wamashumi mabini anesihlanu wokufuduswa kwetu, ekuqaleni kwomnyaka, ngoweshumi umhla wenyanga, ngomnyaka weshumi linesine emveni kwokuba isixeko sabetwa, ngokwa nguwo umhla lowo isandla sikayehova sibe sipezu kwam, waza wandizisa kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngomnyaka wamashumi omabini anamihlanu wokuthinjwa kwethu, ekuqalekeni komnyaka, ngolweshumi enyangeni leyo, ngomnyaka weshumi elinesine emva kokuxatyelwa komzi, ngayo kanye loo mini, isandla sikaYehova saba phezu kwam, wandisa khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngomnyaka wamashumi omabini anamihlanu wokuthinjwa kwethu, ekuqaleni komnyaka, ngolweshumi enyangeni leyo, ngomnyaka weshumi elinesine wokuthinjwa komzi, ngaloo mini saba phezu kwam isandla sikaYehova wandizisa khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngonyaka wamashumi amabini anesihlanu wokuthinjwa kwethu, kanye ekuqalekeni konyaka, ngomhla weshumi enyangeni, kunyaka weshumi elinane emva kokoyiswa kweJerusalem, ngaloo mini kanye ndasiva isandla *sikaNdikhoyo, wandithatha wandisa eJerusalem.