Ezekiel 40:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kuko pambi kwazo indlwana umda wekubite inye ngelinye icala, nomda wekubite inye ngelinye icala; ezondlwana ngazinye zibe zizikubite zintandatu ngelicala, nekubite zintandatu ngeliya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke umda phambi kwamagumbi okulinda wawuyikubhite enye ngapha, wayikubhite enye nangapha umda; amagumbi okulinda aba ziikubhite ezintandathu ngapha, aba ziikubhite ezintandathu nangapha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke umda phambi kwamagumbi wawuyikubhite enye ngapha, wayikubhite enye nangapha umda; amagumbi okulinda amathandathu ngapha, amagumbi amathandathu nangapha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Phambi kwegumbi eliseludongeni ngalunye kwakukho udonga olusisiqingatha semitha ukuphakama, wona amagumbi aseludongeni enamacala alinganayo aziimitha ezintathu.