Ezekiel 40:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yandula yalinganisa isango kwa kuyo intungo yenye indlwana kwada kwakuyo intungo yenye; ububanzi bebuzikubite ezingamashumi mabini anantlanu, ucango lulunge nocango.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Walinganisa isango, ethabathela eluphahleni lwamagumbi okulinda, esa eluphahleni lwamanye; laba ziikubhite ezimashumi mabini anantlanu ububanzi; umnyango ulunge nomnyango.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Walinganisa isango, ethabathela eluphahleni lwamagumbi okulinda, esa eluphahleni lwamanye; laba ziikubhite ezimashumi mabini anantlanu ububanzi, ethabathela kwelinye umnyango esa komnye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yaza ke yalinganisa isango ukusuka emantla odonga olungemva lwegumbi olusedongeni elikwelinye icala kuye kuthi nqo kwelingaphesheya, yafumana ingumgama oziimitha ezilishumi elinambini nesiqingatha phakathi kwawo.