Ezekiel 40:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kuko ifenstile ezivaliweyo kuzo indlwana, nakuzo izibonda zazo pakati kwesango ngokungqonga; nakuzo intendelezo kanjalo; kwako nefenstile ngento engqongayo ngapakati, napezu kwezibonda imiti yepalime.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bekukho iifestile ezi valiweyo emagumbini okulinda nasezintsikeni zawo ngecala eliphakathi esangweni, zijikelezile ngeenxa zonke; bekukwanjalo nasezingqamekweni. Bekukho iifestile ngaphakathi, zijikelezile ngeenxa zonke; bekukho namasundu ezintsikeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwakukho iifestile ezicutheneyo emagumbini nakwiimbombo zawo, ngaphakathi kwesango macala onke, ukusa evarandeni, neefestile ngaphakathi macala onke, yaye kwikona yesango ngalinye kwakukho imithi yesundu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Phezu kwamagumbi aseludongeni kunye neendonga eziphongomileyo ngaphakathi kwesango kwakwakhiwe udongana olulungqameko luneendawo ezivulekileyo. Kwakunjalo nasevarandeni. Zonke iindawo ezivulekileyo zazijonge ngaphakathi. Iindonga eziphongomileyo bezihonjiswe ngesundu.