Ezekiel 40:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nendlwana zalo, bezintatu ngelinye icala, bezintatu nangelinye icala; izibonda zalo nentendelezo zalo zibe zinjengomlinganiswa wesango lokuqala; zikubite ezingamashumi mahlanu ubude balo, nobubanzi zikubite ezingamashumi mabini anantlanu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
namagumbi okulinda amathathu ngapha, amathathu nangapha, neentsika zalo, neengqameko zalo. Laba ngangomlinganiso wesango lokuqala; baziikubhite ezimashumi mahlanu ubude balo, nobubanzi balo baziikubhite ezimashumi mabini anantlanu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
amagumbi akhe okulinda aba mathathu nangapha, emathathu nangapha; iimbombo zalo, neevaranda zalo, zaba ngangomlinganiso womnyango wokuqala; baba ziikubhite ezimashumi mahlanu ubude, baziikubhite ezimashumi mabini anantlanu ububanzi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Amagumbi aseludongeni, emathathu kwicala ngalinye, iindonga zawo, eziphongomileyo kwanevaranda yalo, zifana nqwa ngomlinganiselo neziya ndawo zesango lokuqala. Ubude bebuziimitha ezingamashumi amabini anantlanu, ububanzi buziimitha ezilishumi elinambini nesiqingatha.