Ezekiel 40:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukunyukelwa kwalo bekungezinyukelo zisixe̔nxe, nentendelezo zalo bezipambi kwazo; laye linemiti yepalime, omnye ngelicala nomnye ngeliya icala, pezu kwezibonda zalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukunyuka ukuya kulo kwaba nezinyuko ezisixhenxe, nezingqameko zalo zaziphambi kwazo; belinamasundu, elinye lingapha, elinye lingapha, ezintsikeni zalo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwakukho izinyuko ezisixhenxe zokunyuka uye kulo, neevaranda zalo zaziphambi kwazo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Amanqwanqwa alo ayesixhenxe, ejongene nevaranda yalo. Lalinemihombiso yesundu ezindongeni eziphongomileyo macala omabini.