Ezekiel 40:39 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nasentendelezweni yesango bekuko itafile zimbini ngelicala, netafile zimbini ngeliya icala, kuze kuxe̔lwe pezu kwazo idini lokutshiswa, nedini lesono, nedini letyala.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Evarandeni yesango bekukho iitafile ezimbini ngapha, iitafile ezimbini nangapha, zokuxhelela amadini anyukayo, nawesono, nawetyala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Evarandeni yesango bekukho iitafile ezimbini ngapha, iitafile ezimbini nangapha, zokunikela amadini anyukayo, nawesono, nawetyala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwivaranda yesango kwakumi iitafile ezimbini macala omabini ekwakuxhelelwa kuzo amadini atshiswayo, nawesono, nawetyala.