Ezekiel 40:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yaza yateta kum indoda leyo, isiti: Nyana woluntu! kangela ngamehlo ako, uve ngendlebe zako, ubeke intliziyo yako kuko konke endiya kukubonisa; ngokuba kungenxa yokuboniswa kwako uzisiwe apa: kuxele konke okubonayo kwindlu ka‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathetha nam loo mntu, wathi, Nyana womntu, khangela ngamehlo akho, uve ngeendlebe zakho, ugqale ngentliziyo yakho zonke izinto endikubonisa zona; ngokuba uziswe apha ukuze uboniswe. Xelela indlu kaSirayeli konke okubonayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kum loo mntu, Nyana womntu, khangela ngamehlo akho, uve ngeendlebe zakho, uyibhekise intliziyo yakho ezintweni zonke endikubonisa zona; ngokuba uziswe apha ngenjongo yokukubonisa; yixelele indlu kaSirayeli konke okubonayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi kum: “Mntundini, uze ujonge ngamehlo akho, uphulaphule ngeendlebe zakho, uyithathele ingqalelo yonke into endiza kukubonisa yona, kuba ulapha nje uziselwe loo nto. Uze umzi wakwaSirayeli uwuxelele konke okubonileyo.”