Ezekiel 40:48 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yandula yandizisa entendelezweni yendlu, yalinganisa izibonda zentendelezo, ikubite zintlanu ngelinye icala, nekubite zintlanu ngelinye icala; nobubanzi besango, bebuzikubite zintatu ngelicala, nekubite zintatu ngeliya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wandisa evarandeni yayo indlu, walinganisa intsika yevaranda: iikubhite zontlanu ngapha, iikubhite zontlanu ngapha; ububanzi besango baziikubhite ezintathu ngapha, iikubhite ezintathu nangapha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wandisa evarandeni yendlu, walinganisa isango ngevaranda: iikubhite zontlanu ngapha, iikubhite zontlanu nangapha; ububanzi besango babuziikubhite ezintathu ngapha, iikubhite ezintathu nangapha ileyisi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Le ndoda yandisa kwivaranda yendlu kaThixo, yaza yalinganisa amacala evaranda leyo; ububanzi macala babuziimitha ezimbini ezinesiqingatha. Ekungeneni ububanzi babuziimitha ezisixhenxe, ububanzi beendonga eziphongomileyo macala buyimitha enesiqingatha.