Ezekiel 40:49 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ubude bentendelezo bebuzikubite ezimashumi mabini, nobubanzi bebuzikubite ezilishumi linanye; kwaye kungezinyukelo ekube kunyukelwa kuyo; bekuko nentsika ngasezibondeni, enye ngelicala, nenye ngeliya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ubude bevaranda baba ziikubhite ezimashumi mabini, ububanzi baba ziikubhite ezilishumi elinanye ngasezinyukweni, ebe kunyukwa ngazo kuyiwe kuyo. Bekukho iintsika ngasezintsikeni zomnyango, enye ngapha, enye nangapha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ubude bevaranda baba ziikubhite ezimashumi mabini, ububanzi baba ziikubhite ezilishumi elinanye ngasezinyukweni wandisa kwizinyuko ababedla ngokunyuka kuzo, bekukho iintsika kwelinye icala lembombo, enye ngaphaya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ivaranda yayiziimitha ezilishumi ububanzi, yaza yaba ziimitha ezintandathu ukusuka ekungeneni kuye entla. Bekunyukwa ngamanqwanqwa ukuya kuyo, kumi iintsika malunga namacala ayo.