Ezekiel 41:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ubuso bomntu bebungakuwo umti wepalime ngelinye icala, nobuso bengonyama ngakuwo umti wepalime ngelinye icala; kwenziwa njalo kuyo yonke indlu ngokungqonga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
yabubuso bomntu obubheke esundwini ngapha, yabubuso bengonyama obubheke esundwini ngapha. Kwaye kwenjiwe njalo endlwini yonke, kwajikeleza ngeenxa zonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
yabubuso bendoda leyo bubheke esundwini ngapha, yabubuso bengonyama bubheke esundwini ngapha; yayakhiwe yonke indlu ngeenxa zonke;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ubuso bomntu babujonge kwisundu, obengonyama bujonge kwelinye isundu. Le mifanekiso yayikrolwe kuyo yonke indlu kaThixo.