Ezekiel 41:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yaza yangena ngapakati, yalinganisa isibonda socango, ikubite zimbini; nocango, ikubite zintandatu; nobubanzi bocango, ikubite zisixe̔nxe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wangena ke ngaphakathi, walinganisa intsika yomnyango;yaziikubhite ezimbini, nomnyango waziikubhite ezintandathu ukuphakama, ububanzi bomnyango baziikubhite ezisixhenxe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wangena, walinganisa umphezulu womnyango, waziikubhite ezimbini; umnyango waba ziikubhite ezintandathu; ububanzi bomnyango buziikubhite ezisixhenxe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yandula ukuya kwigumbi lesibingelelo eliphakathi, yenza umlinganiselo wamacala esango. Icala ngalinye laliyimitha ububanzi. Isango laliziimitha ezintathu ububanzi, bona ububanzi beendonga zamacala esango buziimitha ezintathu ezinesiqingatha.