Ezekiel 41:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yalinganisa ubude bayo, ikubite ezimashumi mabini, nobubanzi, ikubite ezimashumi mabini, ngapambi kwetempile; yaza yati kum: Le yingcwele yezingcwele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabulinganisa ubude bayo, baziikubhite ezimashumi mabini, ububanzi baziikubhite ezimashumi mabini, wabhekisa etempileni;wathi kum, Yingcwele kangcwele le.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabulinganisa ubude bayo, baziikubhite ezimashumi mabini; zaba ziikubhite ezimashumi mabini ububanzi phambi kwendlu; yathi kum, Le yingcwele kangcwele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yenza umlinganiso wobude beli gumbi eliphakathi, yafumana bulishumi leemitha, ububanzi bukwalishumi leemitha ukusuka kwigumbi eliphandle. Yathi ke kum: “Le yiNgcwele kaNgcwele.”