Ezekiel 41:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ezonkambili zasecaleni zibe ziyinkambili pezu kwenkambili, zintatu; zazingamashumi matatu ngokulandelana; zaye zingena eludongeni olube lulolwendlu ngenxa yenkambili zasecaleni ngokungqonga, ukuba zibe nokubambeka; koko bezingabambeki eludongeni lwendlu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Amagumbi endawo yokwayama aba mathathu, igumbi phezu kwegumbi, aba mashumi mathathu; aya kufika eludongeni ebeyinalo indlu le, ngasemagumbini endawo yokwayama, eyajikeleza ngeenxa zonke, ukuze abe nokubambeka khona; kodwa angabambeki eludongeni lwayo indlu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Amagumbi endawo yokwayama aba mathathu, igumbi phezu kwegumbi, aba mashumi mathathu ngokulandelelana; yaye ayengena eludongeni lwendlu emagumbini asemacaleni ajikelezayo ukuze awaxhase, kodwa ayengabambeleli eludongeni lwendlu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
La magumbi ayeyimigangatho emithathu, oko kukuthi elinye lakhiwe phezu kwelinye, engamashumi amathathu kumgangatho ngamnye. Udonga lwendlu kaThixo lwalujikelezwe lungqameko lokuxhasa amagumbi ayame kulo, ngoko ke kwakungekho zixhaso zingena eludongeni.