Ezekiel 41:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kuko ukwenziwa banzi nokujikelela futi ngapezulu kuzo inkambili zasecaleni; ngokuba ukujikelela kwendlu bekufuti ngapezulu ngokungqonga indlu; ngako oko ububanzi bendlu ubungapezulu; nangokunjalo eyasezantsi yenyuka ngakweyapezulu ngeyapakati.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwaya kuba banzi ukujikeleza, okukhona siya sinyuka isakhiwo ngokwamagumbi endawo yokwayama; ngokuba oko kwayijikeleza indlu le, kwaya kusanda okukhona inyukayo, kuyijikeleza indlu le ngeenxa zonke; ngenxa yoko indlu le yaya iba banzi okunyuka inyukayo; lwaba kwanjalo olungaphantsi udidi, ukunyuka ukuya kolungaphezulu ngokolo lungaphakathi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaphoswa khona uphokozo, olusa emagumbini endawo yokwayama; ngokuba ibiyijikeleza indlu le ngeenxa zonke; ngenxa yoko benyuka ububanzi bendlu, inyuka isuka kweyangaphantsi, iye kwelikhulu eliphakathi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Amagumbi ayame endlwini kaThixo ayebanzi elingentla kunelingaphantsi kwalo. Ungqameko olujikeleze indlu kaThixo lwalwakhiwe ngokuya lunyuka, into ke leyo eyatsho namagumbi aye evuleka ngokunyuka kwawo. Kwakukho amanqwanqwa okunyuka ukusuka kumgangatho wokuqala ezantsi, agqobhoze kophakathi, aye kutsho kophezulu.